UMARKO 7:21-23
UMARKO 7:21-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba pakati kuyo intliziyo yabantu kupuma izicamango ezikohlakeleyo, iziṙexezo, imibulo, izibulalo, izibo̔, ububawa, ubumenemene, inkohliso, ubutshinitshini, iliso elikohlakeleyo, ugxeko, ir̔atshi, ubugeza: zonke ezizinto ezikohlakeleyo ziyapuma pakati, zimnco̔lise umntu.
UMARKO 7:21-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
UMARKO 7:21-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
UMARKO 7:21-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezingendawo, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala; ubusela, ukubawa, okungendawo, inkohliso, uburheletya, iliso elibi, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.