UMARKO 6:41-43
UMARKO 6:41-43 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. Badla ke bonke bahlutha. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.
UMARKO 6:41-43 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke. Batya ke bonke bahlutha. Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini.
UMARKO 6:41-43 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. Badla bahlutha bonke. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.
UMARKO 6:41-43 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wabulela; waza waziqezula izonka, wanikela kubadisipile bake, ukuze bazibeke pambi kwabo; nentlanzi zombini wazabela kubo bonke. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa izitya zamaqezu zazilishumi linazibini zizele, kwa nawentlanzi.