UMARKO 4:35-41
UMARKO 4:35-41 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo? Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?
UMARKO 4:35-41 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.” Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana. Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi. UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?” Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?” Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”
UMARKO 4:35-41 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwangaloo mini kwakuhlwa, athi kubo, Masiwele siye ngaphesheya. Basindulula isihlwele, bamthabatha esemkhombeni ngoko. Kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. Ke yena ebesemva emkhombeni, elele emqamelweni; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Yithi tu, uthi tu. Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Yini na ukuba ningabi nalukholo? Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?
UMARKO 4:35-41 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU kwa ngalomini, kwakuba kuhlwile, wati kubo: Masiwele siye ecaleni elingapesheya. Baza bati bakuba besindulule isihlwele, bamtabata nabo njengokuba ebenjalo enqanaweni. Kwaye kuko naye nezinye inqanawa ezincinane. Lwaza lwesuka uqwitela lwomoya olukulu, ati amaza abeta angena enqanaweni, yada yona yafun’ ukuzaliswa ngamanzi. Waye yena ebesendaweni yasemva, elele pezu kwomqamelo: basuka bamvusa, bati kuye: Mfundisi! akukatali na kukuba sibuba? Waza wavuka wakalimela umoya, wati kulwandle: Tutu, yiti cwaka! Wadamba ke umoya, kwaza kwabako ukuzola okukulu. Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala obungakanana? kunganina lento ningenalo ukolo? Boyika ke ngokwoyika okululu, bati omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eviwa nje nangumoya nalulwandle?