UMARKO 4:21-41

UMARKO 4:21-41 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso? Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingàfihlelwa ukuba ize ekuhléni. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo. Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako. Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe. Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo? Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?

UMARKO 4:21-41 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ngaba isibane sikhe siqutyudelwe ngethunga okanye sifakwe phantsi kwebhedi na? Asixhonywa endaweni yaso yini na? Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele. Ke oneendlebe zokuva makeve.” Kwakhona wathi kubo: “Yilumkeleni into eniyivayo. Umlinganiselo enibalinganisela ngawo abanye, niya kulinganiselwa kwangawo nguThixo nani, kuze kongezwe kuni, nina nivayo. Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.” Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini, aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo. Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.” Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni? Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni, kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.” UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda. Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into. Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.” Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana. Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi. UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?” Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?” Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

UMARKO 4:21-41 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? nengabekwa phezu kwesiphatho sezibane? Akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo. Kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Uthe ke, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; Ubusuku nemini alale, avuke, ize imbewu intshule, ikhule engazi ukuba njani na. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo; kuqala ibe likhaba, kwalandela isikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; Xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Uthe ke, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kuthelekisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade, oluthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi wawo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe. Kwangaloo mini kwakuhlwa, athi kubo, Masiwele siye ngaphesheya. Basindulula isihlwele, bamthabatha esemkhombeni ngoko. Kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. Ke yena ebesemva emkhombeni, elele emqamelweni; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Yithi tu, uthi tu. Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Yini na ukuba ningabi nalukholo? Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?

UMARKO 4:21-41 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wayesiti kubo: Sika siziswe isibane na, ukuze sibekwe pantsi kwento yokulinganisa umhlaumbi pantsi kwoku̔ko? asiziswa na ukuze sibekwe pezu kwekandelare? Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako bekungafihlwa nto, kupela ukuba ize ekuhleni. Ukuba kuko onendlebe zokuva, makeve. Wayesiti kubo: Kulumkeni oko nikuvayo. Ukulinganisa enilinganisa ngako, kwolinganiselwa nina; kwakuya kuti kuni nivayo kwalekelwe ngakumbi. Ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Wayesiti: Bunjalo ubukumkani BUKATIXO, njengokungati umntu waposa imbewu emhlabeni, waza walala wavuka ubusuku nemini, yati imbewu yantsula yakula ngendawo angayaziyo. Ngokuba umhlaba uvelisa isiqa̔mo ngokwawo; sibe sisitombo ukuqala, kwandul’ ukuba sisikwebu, iti kamva ibe yinqolowa ezalisekileyo esikwebini. Kodwa uti, xeshekweni sibonxile isiqa̔mo, asuke afake iṙenqa, ngokuba selifikile ixesha lokuvuna. Wayesiti: Sobufanisa nanto nina ubukumkani BUKATIXO? umhlaumbi sobuzekelisa ngomzekeliso omnina? Bunjengokozo lwembewu yemositade, oluti, xeshekweni luhlwayelweyo emhlabeni lube luncinane kuzo zonke imbewu ezisemhlabeni: kanti xeshekweni luhlwayelweyo luyahluma, luze lube lukulu kuyo yonke imifuno, lwenze namasebe amakulu, zide ziti intaka zezulu zibe nako ukuba zingahlala ngapantsi kwomtunzi walo. Wabeteta ilizwi kubo nangemizekeliso enjalo emininzi, njengokuba bebenako ukuliva. Wabengateti ke kubo kungeko umzekeliso: kodwa wabetyila zonke izinto kubadisipile bake ngasese. KEKALOKU kwa ngalomini, kwakuba kuhlwile, wati kubo: Masiwele siye ecaleni elingapesheya. Baza bati bakuba besindulule isihlwele, bamtabata nabo njengokuba ebenjalo enqanaweni. Kwaye kuko naye nezinye inqanawa ezincinane. Lwaza lwesuka uqwitela lwomoya olukulu, ati amaza abeta angena enqanaweni, yada yona yafun’ ukuzaliswa ngamanzi. Waye yena ebesendaweni yasemva, elele pezu kwomqamelo: basuka bamvusa, bati kuye: Mfundisi! akukatali na kukuba sibuba? Waza wavuka wakalimela umoya, wati kulwandle: Tutu, yiti cwaka! Wadamba ke umoya, kwaza kwabako ukuzola okukulu. Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala obungakanana? kunganina lento ningenalo ukolo? Boyika ke ngokwoyika okululu, bati omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eviwa nje nangumoya nalulwandle?