UMARKO 3:1-6
UMARKO 3:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
UMARKO 3:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla. Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele. UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?” Kwathi cwaka. Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu.
UMARKO 3:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabuya wangena endlwini yesikhungu; Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye ke bemlalele ukubona ukuba womphilisa na ngesabatha; ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Bathi tu ke bona. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, saphila ke isandla sakhe, saba ngesinye. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
UMARKO 3:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wabuya wangena endlwini yentlanganiso. Kekaloku bekuko kona umntu enesandla esishwabeneyo: baza bamgqala, ukuba uya kumpilisa na ngemini yesabata, ukuze bamnike ityala. Waza wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka uze pakati. Waza wati kubo: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza uboni, ukubulala, kusinina? Koko bebesiti tu. Waza ebasingasingele ngengqumbo, ebuhlungu nokuba buhlungu ngenxa yobulukuni bentliziyo zabo, wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Bapuma ke abafarisi, basebecebisana nabaherodi ngakuye, ukuze bambubise.