UMARKO 10:1-12
UMARKO 10:1-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Esukile apho, uzé kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise. Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga. Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na? Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala. Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho; kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana. Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe; baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, àbasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu. Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto. Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.
UMARKO 10:1-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emkile apho, uYesu waya kwelakwaJuda naphesheya kweJordan. Kwabuya ke kwahlanganisana izihlwele ngakuye, waza wathi ngokwesiqhelo sakhe wazifundisa. Bafika *abaFarasi, bathi ngokumlinga bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo. Waphendula wathi kubo: “UMosis waniwisela mthetho mni na?” Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.” Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu, kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye. Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.” Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto. Wathi ke kubo: “Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.”
UMARKO 10:1-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Wabuya wabafundisa ngokwesiqhelo. Beza kuye abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo? emlinga. Waphendula ke wathi kubo, Waniwisela mthetho mni na uMoses? Bathi ke bona, uMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala. Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho; Kodwa kwasekuqalekeni kwendalo, uThixo wabenza baba yindoda nenkazana. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe; baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu. Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto. Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.
UMARKO 10:1-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU esukile apo, weza emideni yase‐Judeya, ngecala elingapesheya kwe‐Yoredane: zati izihlwele zabutela kuye kanjako; waza wazifundisa kanjako, njengokuba ebeqelile ukwenje njalo. Kweza kuye nabafarisi, bambuza ukuba kufanelekile endodeni na ukulahla umfazi, bemlinga. Wapendula wati kubo: Ubeniyalele nto nina u‐Mosesi? Bati ke: u‐Mosesi ubevumela ukuba kuba̔lwe incwadi yokwahlukanisa, nokuba kulahlwe. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu waniba̔lela lomyalelo; kodwa kwa sekuqaleni kwokudalwa, UTIXO wabenza indoda nomfazi. Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, baze abo babini babe yinyama nye. Ngako oko abasebabini, bayinyama nye. Ngoko ke, oko UTIXO akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu. Bati endlwini ke abadisipile bake babuya bambuza ngaleyondawo. Waza wati kubo: Osukuba elahla umfazi wake, aze azeke omnye, uyaṙexeza ngakuye. Kanjalo ukuba umfazi uyalahla indoda yake, aze ende kwenye, uyaṙexeza naye.