UMATEYU 6:6-8
UMATEYU 6:6-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
UMATEYU 6:6-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza. “Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli.
UMATEYU 6:6-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
UMATEYU 6:6-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa wena, nxa utandazayo, ngena enkambilini yako, uti wakuba uvalile ucango lwako, utandaze KUYIHLO osemfihlekweni; NOYIHLO obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni. Kodwa nakutandaza, ningenzi imilembelele engendawo, njengabaheyideni; ngokuba beba baya kuviwa ngokuteta kwabo okuninzi. Ize ningafani nabo ke; ngokuba UYIHLO ezazi into enizisweleyo, ningekaceli kuye.