UMATEYU 6:19-21
UMATEYU 6:19-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
UMATEYU 6:19-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
UMATEYU 6:19-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Musani ukuziqwebela ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe. Kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
UMATEYU 6:19-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ningazibekeli indyebo emhlabeni, apo kugugisayo inundu nomhlwa, nalapo amasela agqoboza ebe̔ kona: kodwa zibekeleni indyebo ezulwini, apo kungagugisi nenundu nomhlwa, nalapo amasela angagqobozi angebi̔ kona: ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.