UMATEYU 4:23-25
UMATEYU 4:23-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya,• babazìsa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke. Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.
UMATEYU 4:23-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa *ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke. Lwaphuma udumo lwakhe, lwavakala kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo, benezifo neentuthumbo, nabaphethwe ziindimoni, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, waza wabaphilisa. Ke izihlwele zabantu zazimlandela uYesu, zivela eGalili, nakwiiDolophu eziliShumi, naseJerusalem, nakwelakwaJuda, naphesheya kweJordan.
UMATEYU 4:23-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo ababebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesithuthwane, nabafe umzimba wabaphilisa. Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela eGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.
UMATEYU 4:23-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Yesu wajikajikela yonke i‐Galili, efundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, eshumayela ivangeli yobukumkani, epilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane pakati kwabantu. Lwaza udumo lwake lwapumela kuyo yonke i‐Siriya; bada bazisa kuye bonke abafayo, ababanjwa zizifo nezibulawa ezininzi, nabangenelwa zidemoni, nabanesatutwane, nabanesifo sokushwabanisa; wabapilisa ke. Zaza izihlwele ezininzi zamlandela, zivela e‐Galili, nase‐Dekapolisi, nase‐Yerusaleme, nase‐Judeya, napesheya kwe‐Yoredane.