UMATEYU 3:13-17
UMATEYU 3:13-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena? Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. Nâlo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye.
UMATEYU 3:13-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wafika eJordan uYesu, evela eGalili, eze kubhaptizwa nguYohane. UYohane ke wayengavumi, esithi: “Indim nje ofanele ukubhaptizwa nguwe, nguwe na oza kum?” Waphendula uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo, ukuze senze konke okufunwa nguThixo.” Wavuma ke uYohane. Ebhaptiziwe uYesu, waphuma kwangoko emanzini. Lasuka izulu lavuleka, wabona uMoya kaThixo enjengehobe esihla esiza kuye. Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”
UMATEYU 3:13-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela eGalili, ukuba abhaptizwe nguye. Kodwa uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena? Uphendule uYesu wathi kuye, Vuma okwakalokunje; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Waza wamvumela. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini, lasuka lavuleka izulu kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. Nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
UMATEYU 3:13-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yesu wavela e‐Galili weza e‐Yoredane ku‐Johane, ukuba abapitizeshwe nguye. Kuloko u‐Johane wabemalela, esiti: Mna ndifanele ukubapitizeshwa nguwe nje, uza wena kum na? Kodwa wapendula u‐Yesu wati kuye: Kauvume kube kaloku nje; ngokuba ngokunjalo kufanelekile kuti ukuzalisekisa bonke ubulungisa. Wandula ukumvumela. Waza wati u‐Yesu, akuba ebapitizeshiwe, waselenyuka emanzini; kekaloku bona ke, izulu lavulekela kuye, waza wabona UMOYA KATIXO esihla njengehobe, esiza pezu kwake. Kanjalo bona ke, ilizwi lavela ezulwini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.