UMATEYU 22:34-40
UMATEYU 22:34-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
UMATEYU 22:34-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
*AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana, waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga, wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?” Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”
UMATEYU 22:34-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
UMATEYU 22:34-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite.