UMATEYU 20:17-34
UMATEYU 20:17-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye. Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho. Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako. Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo. Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini. Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nâbò bazizikhulu benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu. Nanko kuhleli iimfama zímbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na? Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu. Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.
UMATEYU 20:17-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi, xa uYesu wayeza kuya eJerusalem, wababizela ecaleni abafundi bakhe abalishumi elinambini, wathetha nabo behamba endleleni, wathi: “Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.” Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo. UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?” Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini ubanike ezona zikhundla ziphezulu xa wena ungukumkani.” Waphendula uYesu wathi: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako ukuyinyamezela intlungu endiza kuyiva mna?” Bathi ke bona kuye: “Sinako.” Wathi kubo uYesu: “Okunene, intlungu yam niya kuyiva; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezabo bazilungiselelweyo nguBawo.” Bekuvile oku abafundi abalishumi, bakhathazeka yile nto yaba bafo bakaZebhedi. Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya. Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu; abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Ekuphumeni kwabo eJeriko, uYesu walandelwa sisihlwele esikhulu sabantu. Kwakukho iimfama ezimbini zihleli ngasendleleni, ezathi, zakuva ukuba kugqitha uYesu, zadanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!” Isihlwele sazikhalimela ukuba zithi tu, kodwa zadanduluka ngakumbi zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!” Wema ke uYesu, wazibiza, wathi: “Nifuna ndinenzele ntoni na?” Zona zathi kuye: “Nkosi, sicela ukuba kuvulwe amehlo ethu sibone.” Wavelana nazo ke uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaza kwangoko zaba nokubona, zamlandela.
UMATEYU 20:17-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini ngasese endleleni, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu nakubabhali, kwaye baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye. Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yithi aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho. Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako. Athi kubo, Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam asikwam ukupha ngako, asikwam ukupha ngako; kwabo kulungiselwe bona nguBawo. Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini. Ke yena uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba efuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. Bakubon’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu. Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni, zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na? Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu. Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.
UMATEYU 20:17-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU u‐Yesu, enyukela e‐Yerusaleme, watabata abadisipile abalishumi linababini ngasese endleleni, wati kubo: Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubo abaperisite abakulu nababa̔li; abaya kumgweba ukuba afe, bamnikele kubaheyideni ahlekwe, abetwe, akuruseshwe; woti ngomhla wesitatu abuye avuke. Wandula weza kuye unina bonyana baka‐Zebedi kunye nonyana bake, ebedesha, ecela into etile kuye. Wayesiti kuye: Unga ungaba nanto nina? Wati kuye: Xela ukuba aba onyana bam ababini bahlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, kunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, ebukumkanini bako. Koko wapendula u‐Yesu wati: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endiza kusela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na? Bati kuye: Singenje njalo. Waza wati kubo: Indebe yam okunene niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo; kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona NGUBAWO. Baza bati abalishumi bakuva oku, baqumbela abobazalwana babini kakulu. Koko u‐Yesu wababiza wati: Niyazi ukuba inkosi zabaheyideni ziyabapata ngobukosi, nokuba abakulu bayenza ngegunya pezu kwabo. Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, makabe ngumkonzi wenu; nosukuba efuna ukuba ngowokuqala pakati kwenu, makabe sisicaka senu: njengokuba unyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi. Kwati nxa bebepuma e‐Jeriko, walandelwa sisihlwele esikulu. Kekaloku bona ke, imfama ezimbini zihleli ngasendleleni, zakuva ukuba u‐Yesu uyadlula, zadanduluka, zisiti: Yiba netaṙu kuti. Nkosi, nyana ka‐Davide! Koko isihlwele saziyala, ukuba maziti tu: kodwa zazidanduluka kakulu ngakumbi, zisiti: Yiba netaṙu kuti, Nkosi, nyana ka‐Davide! Waza wema u‐Yesu wazibiza, wati: Ninga ndingenza nto nina kuni? Zati kuye: Nkosi! singa angavulwa amehlo etu. Wabetwa lusizi ke u‐Yesu, wacu̔kumisa amehlo azo; ati kwa oko aba nokubona amehlo azo, zamlandela ke.