UMATEYU 2:12-13
UMATEYU 2:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. Zithe zakubon' ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
UMATEYU 2:12-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Zathi ke, ziyalelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngandlela yimbi ukuya kwelakowazo. Zakuba zimkile iingcali, kwabonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, ubalekele eJiputa, uhlale apho de ndikuxelele, kuba uHerode uzimisele ukumbulala umntwana.”
UMATEYU 2:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zakuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. Zithe xa zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, ube khona apho ndide ndikuxelele; uya kumfuna umntwana lowo ukuba amtshabalalise.
UMATEYU 2:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zaza zati, ziyaliwe NGUTIXO epupeni ukuba mazingabuyi ziye ku‐Herodi, zemka ngenye indlela ukuya ezweni lakowazo. Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi YENKOSI yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise.