UMATEYU 2:1-2
UMATEYU 2:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe ke, akubon' ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; sizé kumnqula.
UMATEYU 2:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”
UMATEYU 2:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga, size kumnqula.
UMATEYU 2:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU xeshekweni u‐Yesu ebezalelwe e‐Beteleheme yase‐Judeya, emihleni ka‐Herodi ukumkani, bona ke, izilumko zivela empumalanga zafika e‐Yerusaleme, zisiti: Upina lowo uzelweyo engukumkani wama‐Juda? ngokuba sibe sibona inkwenkwezi yake empumalanga, sasize ukumbedesha.