UMATEYU 2:1-18

UMATEYU 2:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kuthe ke, akubon' ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; sizé kumnqula. Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye. Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.• Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa, Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda: Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli. (UMika 5:2) Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo; wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula. Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu. Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.• Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. Zithe zakubon' ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise. Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa. Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. (UHos. 11:1) Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi. Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi, Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho. (UYer. 31:15)

UMATEYU 2:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.” Akukuva oku ukumkani uHerode, wakhathazeka, nayo yonke iJerusalem. Ebahlanganisile ke bonke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho balapho, wabuza kubo ukuba uKrestu ubeya kuzalelwa phi na. Bathi kuye: “EBhetelehem kwaJuda, kuba kubhaliwe *ngumshumayeli kwathiwa: “ ‘Wena Bhetelehem, sithili sakwaJuda, akunguye oyena udelekileyo kubalawuli bakwaJuda, kuba kuwe kuya kuphuma uMlawuli oya kuba nguMalusi wabantu bam amaSirayeli.’ ” UHerode ke uzibizele ngasese iingcali ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo. Wazithumela eBhetelehem, esithi: “Hambani niye kubuzisa kakuhle ngomntwana lowo. Ze nithi ke, nakumfumana, nindixelele, ukuze nam ndiye kumnqula.” Zakuba zimvile ukumkani, iingcali zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga, izikhokela, de yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya gqitha. Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zaqubuda, zamnqula; zaza zathi, zivule iingxowa zazo, zanikela kuye ngezipho: igolide, intlaka yokuqhumisa, nentlaka yokuqhola. Zathi ke, ziyalelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngandlela yimbi ukuya kwelakowazo. Zakuba zimkile iingcali, kwabonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, ubalekele eJiputa, uhlale apho de ndikuxelele, kuba uHerode uzimisele ukumbulala umntwana.” Wavuka ke uJosefu, wamthatha umntwana nonina ebusuku, wabalekela eJiputa, wahlala khona de wabhubha uHerode. Oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, lisithi: “Ndambiza unyana wam waphuma eJiputa.” Ke kaloku uHerode, akubona ukuba iingcali zeenkwenkwezi zimkhohlisile, waba nomsindo kakhulu, wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abaseBhetelehem nakuwo wonke loo mmandla, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kwiingcali. Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya esithi: “ERama kwavakala isililo nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, kuba babengasekho.”

UMATEYU 2:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga, size kumnqula. Ezivile ke ezo kumkani uHerode, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye. Wabahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu. Baza bathi kuye, eBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngokunjalo ngomprofeti kwathiwa, Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda, kuba kuwe kuya kuphuma uMlawuli, oya kubalusa abantu bam amaSirayeli. Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kuzo kakuhle ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo; Wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula. Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izikhokela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu. Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; igolide, nentlaka yokuqhumisa, nemore. Zakuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. Zithe xa zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, ube khona apho ndide ndikuxelele; uya kumfuna umntwana lowo ukuba amtshabalalise. Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa. Waba khona apho wada wabhubha uHerode, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. Uthe ke uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, ngokwesiko lazo. Ixesha awayelibuzile ngenkuthalo kwizilumko. Kwaza kwazaliseka okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, Kwavakala eRama izwi, isijwili, nesijwili, nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engafuni kuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.

UMATEYU 2:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU xeshekweni u‐Yesu ebezalelwe e‐Beteleheme yase‐Judeya, emihleni ka‐Herodi ukumkani, bona ke, izilumko zivela empumalanga zafika e‐Yerusaleme, zisiti: Upina lowo uzelweyo engukumkani wama‐Juda? ngokuba sibe sibona inkwenkwezi yake empumalanga, sasize ukumbedesha. Kekaloku u‐Herodi ukumkani akuva oko, waxa̔liswa, kwa nayo yonke i‐Yerusaleme kunye naye. Wati ke akuba ebahlanganisile bonke abaperisite abakulu nababa̔li babantu, wabuza kubo ukuba uzalwa pina u‐Kristu. Baza bati kuye: e‐Beteleheme yase‐Judeya; ngokuba kuba̔liwe njalo ngomprofite, ukuti: Nawe, Beteleheme, lizwe lakwa‐Juda! akunguye omncinane kuzo zonke pakati kwenkosi zakwa‐Juda nakanye; ngokuba kuya kupuma umpati kuwe, oya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli. Wandula u‐Herodi, akuba ezibizile ngasese izilumko, wakolisa ukubuza kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi. Waza wazituma e‐Beteleheme, wati: Hambani niye nibuze kunene umntwana lowo; niti nxa nimfumeneyo, nindishumayeze, ukuba nam ndize ndimbedeshe. Zati zimvile nje ukumkani, zemka; kekaloku bona ke, inkwenkwezi, leyo zibe ziyibonile empumalanga, yahamba pambili kuzo, yada yeza yema pezu kwalapo umntwana wayekona. Zati zakubona lonkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukulu kunene. Zaza zangena endlwini, zambona umntwana eno‐Mariya unina, zawa pantsi zambedesha, zavula ityeyandyebo zazo, zamnikela amabaso, igolide, nentlakamhlope, nemore. Zaza zati, ziyaliwe NGUTIXO epupeni ukuba mazingabuyi ziye ku‐Herodi, zemka ngenye indlela ukuya ezweni lakowazo. Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi YENKOSI yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise. Wesuka ke, watabata umntwana nonina ebusuku, wemka waya e‐Jipete: waye ebeko kona kwada kwafa u‐Herodi; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo YINKOSI ngomprofite, isiti: Ndambiza unyana wam apume e‐Jipete. Wandula u‐Herodi, akubona ukuba ukohlisiwe zizilumko, wanomsindo kakulu, watuma ke, wabulala bonke abantwana abase‐Beteleheme nakuyo yonke imida yayo, ababudala buyiminyaka mibini nangapantsi, njengexesha wayekolisile ukubuza lona kuzo izilumko. Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: Ilizwi lavakala e‐Rama isikalo, nesililo, nesijwili esikulu, u‐Rakele elilela abantwana bake, engavumi ukututuzelwa, ngokuba bengaseko.