Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 18:21-35

UMATEYU 18:21-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe. Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe. Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente• ezingamawaka alishumi. Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe. Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo. Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leendenariyo• ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndíhlawule ityala onalo. Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo. Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo. Yaza inkosi yakhe, imbizele kuyo, yathi kuye, Mkhonzindini ungendawo, ndàkuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongozayo; ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe? Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo. Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.

UMATEYU 18:21-35 IBHAYIBHILE (XHO96)

Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe. Kaloku ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owafuna ukuphicotha amatyala ezicaka zakhe. Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali. Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala. Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’ Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula. “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’ Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’ Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala. Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo. Yaza inkosi yasibiza eso sicaka senze loo nto, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, ndâkuxolela lonke elaa tyala wakundibongoza; ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kosisicaka kunye nawe, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’ Yacaphuka inkosi yaso, yasithumela entolongweni ukuba sohlwaywe de silihlawule lonke ityala laso. Uya kwenjenjalo ke nakuni uBawo osezulwini, ukuba anithanga nonke ngabanye nawaxolela ngokupheleleyo amawenu iziphoso zawo.”

UMATEYU 18:21-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Weza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe. Ngoko ke ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe. Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente ezingamawaka alishumi. Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe. Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo. Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leedenariyo ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndihlawule ityala onalo. Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo. Bathe ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo. Yaza inkosi yaso, yasibizela kuye, yathi kuso, mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongozayo; ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe? Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo. Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.

UMATEYU 18:21-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wandula weza u‐Petrosi kuye, wati: Nkosi! woba futi kangakananina umzalwana wam esona ngakum, ndimxolele? kude kube ngamaxesha asixe̔nxe na? Wati u‐Yesu kuye: Anditi kuwe, kude kube ngamaxesha asixe̔nxe, nditi, kude kube sisixe̔nxe samaxesha angamashumi asixe̔nxe. Ngako oku ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile, owafuna ukubuza izicaka zake. Kwati, akuqala ukubuza, kwaziswa kuye esinye esinetyala letalente ezilishumi lamawaka. Kekaloku singenanto yokuhlaula nje, yaxela inkosi yaso ukuba kutengiswe ngaso, nangomfazi waso, nangabantwana, nangento zonke sinazo, kuhlaulwe ke. Sandula isicaka eso sawa pantsi, sayibedesha, sisiti: Nkosi! kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe. Yaza inkosi yesicaka eso yabetwa lusizi, yasikulula, yasixolela lonke elotyala. Kodwa sakupuma isicaka eso safumanana nesinye sezizizicaka naso, ebesinetyala kuso ledenari ezilikulu linye, sasibamba sasiti ṙintyi ngomqala, sisiti: Hlaula ityala lako kum. Sandula eso sibe sisisicaka naso sawa pantsi ngasezinyaweni zaso, sasibongoza, sisiti: Kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe. Asavuma ke; koko saya sasiposela entolongweni, side sihlaule elotyala. Zati kekaloku ezo zibe zizizicaka naso, zakubona oko kwenziweyo, zalusizi kakulu, zeza zatyela inkosi yazo konke oko kwenziweyo. Yandula inkosi yaso yasibiza, yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo! Ndakuxolela lonke ityala elo, ngokokuba wabundibongoza: bekungafanele nawe na ukuba ube netaṙu kuso esisisicaka nawe, njengokuba nam bendinetaṙu kuwe? Yaza yaqumba inkosi yaso, yasinikela kubambeli, side sihlaule lonke ityala laso kuyo. Kwa nje ke NOBAWO wasezulwini uya kwenje njalo kuni, ukuba abazalwana benu anibaxoleli nonke ngabanye ngentliziyo zenu iziposo zabo.