UMATEYU 15:25-27
UMATEYU 15:25-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.
UMATEYU 15:25-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.
UMATEYU 15:25-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.” Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.” Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”
UMATEYU 15:25-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waselesiza wambedesha, esiti: Nkosi, ndisize! Koko wapendula wati: Akufanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. Wayesiti: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya kwimvutuluka eziwayo etafileni yabanini bazo.