UMATEYU 14:22-36
UMATEYU 14:22-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena. Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa. Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili. Kuthe ke ngowesiné umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika. UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? Bakungena emkhombeni, wadamba umoya. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo. Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete. Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla. Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisáyo baphiliswa kanye.
UMATEYU 14:22-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho. Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle. Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika. Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.” Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu. Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!” Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?” Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya; baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.” Beluwelile uLwandle lwaseGalili, bâfika ezweni laseGenesarete. Amqonda amadoda alapho ukuba nguYesu, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke abagulayo, ambongoza okokuba abagulayo bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Bathi ke abo bawuchukumisáyo baphila mpela.
UMATEYU 14:22-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena. Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa. Ke kaloku umkhombe wawuselunxwemeni lolwandle, uqhutywa ngamaza, kuba umoya ubuvela ngaphambili. Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. Bakumbona ke abafundi bakhe ehamba phezu kolwandle, bankwantya, besithi: “Ngumhlola; bakhala kukoyika. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. uPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. Wathi, Yiza. Wehla ke uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. Kodwa, ebona umoya unamandla, woyika; wathi eqala ukutshona, wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? Bakuba bengenile emkhombeni, wadamba umoya. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo. Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete. Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke ababesifa. Baza bambongoza uYesu ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.
UMATEYU 14:22-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Yesu kwa oko wanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bamandulele ukuya ecaleni elingapesheya, nxa abezindulula izihlwele. Wati akuba ezindulule izihlwele, wenyukela entabeni ngasese ukuya kutandaza: kwati kwakuba kuhlwile, wayekona apo eyedwa. Kodwa inqanawa ibisel’ ipakati kwolwandle, ibulawa ngamaza; ngokuba umoya ubuvela pambili. Kekaloku kwelesine ivaṙasho lobusuku, wemka waya kubo u‐Yesu, ehamba pezu kwolwandle. Bati abadisipile, bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baxaliswa, besiti: ngumshologu! bakala kukwoyika ke. Wasuka wateta kubo u‐Yesu, esiti: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. Waza u‐Petrosi wapendula kuye wati: Nkosi! ukuba nguwe, xela ukuba ndize kuwe pezu kwamanzi. Wayesiti: Yiza. Waza wehla u‐Petrosi enqanaweni, wahamba pezu kwamanzi, ukuya ku‐Yesu. Kodwa ebona umoya unamandla woyika; wati esel’ eqala ukuntywila wakala, esiti: Nkosi, ndisindise! Wasuka wolula isandla u‐Yesu, wambamba, wati kuye: Wena ukolo luncinane! wabutandabuza nganina? Kwaza kwati, bakungena enqanaweni, wadamba umoya. Bandula abo basenqanaweni beza bambedesha, besiti: Ngenyaniso ungunyana KATIXO. Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete. Baza abantu balondawo bakumazi, batumela kulo lonke elolizwe langakona, bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba mabacu̔kumise kodwa umqukumbelo wengubo yake; baza bonke abacukumisayo bapiliswa.