UMATEYU 1:18-19
UMATEYU 1:18-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon' ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.
UMATEYU 1:18-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima. Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese.
UMATEYU 1:18-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvezisa, wanga amala ngasese.
UMATEYU 1:18-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU ukuzalwa kuka‐Yesu Kristu kwaye kungoku: ukuba unina wake u‐Mariya exanyelwe u‐Josefe nje, bengekahlangani, wafunyanwa emiti NGOMOYA OYINGCWELE. Waza u‐Josefe, indoda yake, engolungileyo nje, kanti engatandi ukumhlazisa ekuhleni, wafuna ukumlahla ngasese.