UMALAKI 3:17-18
UMALAKI 3:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo. Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
UMALAKI 3:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye. Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nesikhohlakali, nditsho phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo.”
UMALAKI 3:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yaye baya kuba ngabam, utsho uYehova wemikhosi, ngaloo mini ndisenza amatye am ayimfuneko; yaye ndiya kubaconga njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo. Kulapho ke uya kubuyela khona, uhlule phakathi kwelungisa nongendawo, omkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
UMALAKI 3:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Boba yinto enqabileyo kum, utsho UYEHOVA wemikosi, ngalomhla endiwenzayo; ndandiya kuba nezibele kubo, njengokuba uyise enezibele kunyana wake omkonzayo. Niya kwandula nibuye niqiqe pakati kwolungileyo nokohlakeleyo, pakati kwalowo umkonzayo UTIXO, nalowo ungamkonziyo.