Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 5:1-16

ULUKA 5:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete. Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo. Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho. Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe. Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha. Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo. Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona. Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi. Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisáyo. Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu. Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela. Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Nbiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo. Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo. Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo. Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.

ULUKA 5:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku uYesu xa wayemi ngakuLwandle lwaseGenesarete, izihlwele zimxinile, zisiza kuva ilizwi likaThixo, wabona izikhitshana ezibini ziselunxwemeni. Abalobi babephumile kuzo, behlamba iminatha. Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni. Akugqiba ukuthetha, wathi kuSimon: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.” Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.” Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona. Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.” Yena nabo bonke ababenaye babemangalisiwe lolo banjiso lungako lweentlanzi. Babemangalisiwe noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengabalingane bakaSimon. UYesu ke wathi kuSimon: “Ungoyiki. Ukususela namhlanje uya kuba ngumlobi wabantu.” Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bashiya into yonke, balandela uYesu. Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.” Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa. UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.” Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo. Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.

ULUKA 5:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku kwathi, zakubon’ ukuba simxinile abantu, ukuba balive ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete. Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; baye ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo. Uthe ke uYesu, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba awuke akhwelise kancinane emhlabeni. Wahlala phantsi, wabafundisa abantu emkhombeni. Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe. Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha. Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo. Baza bakhweba abalingane babo ababekomnye umkhombe, ukuba beze kubancedisa. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona. Ekubonile ke oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum; ngokuba ndiyindoda engumoni, Yehova; Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo. Kwakwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. Wathi ke uYesu kuSimon, Musa ukoyika; uthabathela kweli xesha, uya kubambisa abantu. Bakuba ke bezikhiphile izikhitshana, bashiya konke, bamlandela. Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yambongoza isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. Wasolula isandla, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuye. Wayithethela ngelithi, mayingaxeleli bani; wathi, Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo. Kwaba kukhona luphuma udumo lwakhe; kwahlanganisana izihlwele ezikhulu, ukuze zimve, nokuba ziphiliswe nguye ebulwelweni bazo. Waye ke yena emana ukuzisithelisa entlango, wathandaza.

ULUKA 5:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAYE kute xeshekweni isihlwele sibe simxingisa ukuza kuva ilizwi LIKATIXO, ebemi yena ngaselwandlana lwe‐Genesarete, wabona inqanawa zambini zimi ngaselwandlana apo; kodwa abalobi bentlanzi bebepumile kuzo, bahlanza intambo zabo. Wati engene kwenye yenqanawa, kuleyo ebiyeka‐Simone, wamtandaza ukuba makaqu̔be emhlabeni kube mganyana: waza wahlala pantsi, wafundisa izihlwele esenqanaweni. Kekaloku nxa abepezile ukuteta, wati ku‐Simone: Qu̔belani enzulwini, nihlise intambo zenu kulotywe. Waza wapendula u‐Simone wati kuye: Nkosi! ngobubusuku bonke sisebenzile singabambanga nto; kodwa ngelizwi lako ndiya kuhlisa utambo. Bati bakwenje njalo, bavingcela ndawonye into eninzi kakulu yentlanzi; lwafun’ ukuqauka ke utambo lwabo. Baza bakobela abalingane babo ababekwenye inqanawa, ukuba beze bancedane nabo. Basuka beza; baza bazalisa inqanawa zombini, zada zafun’ ukutshona. Wati u‐Simone Petrosi akubona oko, wawa pantsi ngasemadolweni ka‐Yesu, esiti: Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi! Ngokuba ebebanjwe kukuti nqa, nabo bonke abebenaye, pezu kwokulotywa kwentlanzi ababekulobile: bebenjalo kwa no‐Yakobi no‐Johane, onyana baka‐Zebedi, abebengamakolwane no‐Simone. Waza u‐Yesu wati ku‐Simone: Ungoyiki; emveni kwakaloku nje woba ubamba abantu. Bati bakuba bezifikisile inqanawa ngasemhlabeni, bashiya kwa konke, bamlandela. Kwaza kwati, xeshekweni ebesesixekweni esitile, kekaloku bona ke, indoda ezele sisilepero ibikona; eyati yakubona u‐Yesu, yawa ngobuso, yamkunga, isiti: Nkosi! ukuba uyatanda, ungandihlambulula. Waza wasolula isandla, wayicu̔kumisa, esitsho ukuti: Ndiyatanda; hlambuluka. Sati ke kwa oko semka kuyo isilepero sayo. Waza wayiyalela ukuba ingamxeleli mntu: kodwa yiya uzibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako, njengokuba wabeyalela u‐Mosesi, kube sisinqi̔no kubo. Koko bekuhanjiswa ngakumbi indaba ngaye: zaza zabutana izihlwele ezikulu ukuza kuva, nokupiliswa nguye ezilwelweni zazo. Wabesiti kodwa yena wapambukela ezindaweni ezilubala, watandaza.