ULUKA 4:1-15

ULUKA 4:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU u‐Yesu, ezele NGUMOYA OYINGCWELE, wabuya e‐Yoredane; waza wasiwa NGOMOYA entlango, elingwa ngu‐Satane intsuku zimashumi mane. Akatya nto ke kwezontsuku: wati zakuba zipelile, wada walamba. Waza u‐Satane wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, xela kwilitye eli ukuba lenziwe isonka. Waza wapendula u‐Yesu kuye, esiti: Kuba̔liwe ukuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi KATIXO. Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye. Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye: wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha UYEHOVA, UTIXO wako, umkonze yena yedwa. Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, ziwise pantsi kwa lapa; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine: nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga UYEHOVA, UTIXO wako. Wati kekaloku u‐Satane, akuba egqibile konke ukulinga kwake, wemka kuye kwamzuzu. WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla OMOYA weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona. Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke.