ULUKA 4:1-15
ULUKA 4:1-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo. UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. (INdum. 91:1112) Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. (IDut. 6:16) Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
ULUKA 4:1-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo. Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.” UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’ ” Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.” UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ” Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ” Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ” Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana. UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.
ULUKA 4:1-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. Wantsuku zimashumi mane ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba. Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. Wamphendula uYesu wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu; uphila ngamazwi onke kaThixo. uMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ukumnika. Ukuba ke ngoko uthe wandinqula, zonke ezo nto ziya kuba zezakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; Kwaye ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu. Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; lwaye lwaphuma udumo lwakhe; Wayefundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
ULUKA 4:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU u‐Yesu, ezele NGUMOYA OYINGCWELE, wabuya e‐Yoredane; waza wasiwa NGOMOYA entlango, elingwa ngu‐Satane intsuku zimashumi mane. Akatya nto ke kwezontsuku: wati zakuba zipelile, wada walamba. Waza u‐Satane wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, xela kwilitye eli ukuba lenziwe isonka. Waza wapendula u‐Yesu kuye, esiti: Kuba̔liwe ukuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi KATIXO. Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye. Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye: wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha UYEHOVA, UTIXO wako, umkonze yena yedwa. Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, ziwise pantsi kwa lapa; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine: nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga UYEHOVA, UTIXO wako. Wati kekaloku u‐Satane, akuba egqibile konke ukulinga kwake, wemka kuye kwamzuzu. WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla OMOYA weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona. Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke.