ULUKA 3:21-22
ULUKA 3:21-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu, wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe.
ULUKA 3:21-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
ULUKA 3:21-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, bakubhaptizwa abantu bonke, kwathi, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza, lavuleka izulu; Wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yehobe, kweza nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda; Ndikholiswa nguwe.
ULUKA 3:21-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute kekaloku, nxa bebebapitizeshiwe bonke abantu, ebapitizeshiwe u‐Yesu naye, etandaza nokutandaza, lavuleka izulu, wehla UMOYA OYINGCWELE ngokubonakala okungumzimbaṙa njengehobe pezu kwake, leza nelizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, ndikolisiwe kakuhle nguwe.