ULUKA 22:41-44
ULUKA 22:41-44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ùyavuma, mayidlule le ndebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza. Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.
ULUKA 22:41-44 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [ Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza. Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]
ULUKA 22:41-44 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza. Esentlungwini enkulu, kwaba kukhona wathandaza enyamekile; kwasuka ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi, esiwa emhlabeni.
ULUKA 22:41-44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza washenxa kubo kwanga kumgama wokujulwa kwelitye, waguqa ngamadolo, watandaza, esiti: Bawo! ukuba uyavuma ukususa lendebe kum — : noko makungabi yintando yam eyenziwayo, makube yeyako. Kwaye kubonakala kuye ingelosi ivela ezulwini imomeleza. Waza esekulweni okunzima watandaza ngokunyameka ngakumbi: kwati ukubila kwake kwanga kumatontsi amakulu egazi esiwa pantsi emhlabeni.