ULUKA 21:1-4
ULUKA 21:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza wabona izityebi ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali. Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini. Wathi, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke; Kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.
ULUKA 21:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali. Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini. Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke; kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.
ULUKA 21:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewaphakamisile amehlo akhe, uYesu ubone izityebi zigalela iminikelo yazo kwisikhongozeli-mali. Ke wabona mhlolokazi uthile ulihlwempu efaka iimalana ezimbini; waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke, kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”

ULUKA 21:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati akubeka pezulu wabona abazityebi befaka iminikelo yabo endaweni yendyebo. Wabona nomhlolokazi otile obuhlwempu efaka kona imalanyana zimbini. Waza wati: Ngenyaniso nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile bonke ngokufaka: ngokuba bonke aba bebefaka eminikelweni KATIXO kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka kwa konke abenokupila ngako.