ULUKA 2:1-40
ULUKA 2:1-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare• Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon' ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu• iNkosi. Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo. Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana alùswe, wathiywa igama elinguYesu,• elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa. Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi, njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini (iEks 13:2); nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu. Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho, yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi: Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho; Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
ULUKA 2:1-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise. Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya. Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu. UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe, kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi. Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku. Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu. Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu. Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi. Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.” Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zezulu, ikunye nesithunywa eso, idumisa uThixo, isithi: “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu, kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.” Zakuba zimkile izithunywa, zisiya ezulwini, abelusi abo bathi omnye komnye: “Masihambe siye eBhetelehem, siyibone le nto ihlileyo, le siyazisiweyo yiNkosi.” Bakhawuleza ke baya, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana lulele emkhumbini wesitali. Bathi bakuba bebonile, bawabhengeza amazwi awayethethwe kubo ngaye lo mntwana; baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi. Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa. Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe. Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa. Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini, njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.” Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.” EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele. Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi. Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho, uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi: “Nkosi, ngokwesithembiso sakho, uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo, kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, olulungiselele bonke abantu, ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga, lubalula abantu bakho amaSirayeli.” Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo, ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.” Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe, waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini. Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem. Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili. Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.

ULUKA 2:1-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. Olu lubhalo lwaba lolokuqala, akubon’ ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. Baphuma ke bonke, besiya kubhaliswa, elowo waya kowabo. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem; ngokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngokuba babengenandawo endlwini yabahambi. Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Sathi kubo isithunywa, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke abantu. Nizalelwe namhlanje kwisixeko sikaDavide uMsindisi, onguKrestu iNkosi. Lo ngumqondiso kuni; Nofumana lusana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini. Kwabakho ke ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. Ke kaloku kwathi, zakumka kubo izithunywa zisiya ezulwini, abo abalusi bathi omnye komnye, Masiye eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo nguYehova. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. Bakuyibona loo nto, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo. Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa. Zithe ke zakuzaliseka iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngokomthetho kaMosis, bamsa eJerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi. Njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, kuthiwe ingcwele eNkosini; nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni kaYehova, isibini samahobe, nokuba ngamavukuthu amabini. Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho. Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi, Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke; Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli. Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo; ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
ULUKA 2:1-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute kwezontsuku, kwapuma umteto ku‐Kesare Auguste, wokuba lonke ilizwe maliba̔lelwe. (Esi isiba̔lelo senzeka kuqala nxa u‐Kirenusi ebengumpati we‐Siriya.) Baza baya bonke ukuya kuba̔lelwa, abanye ngabanye kwezakowabo izixeko. Wati kekaloku no‐Josefe wenyuka e‐Galili, esixekweni se‐Nazarete, waya e‐Judeya, esixekweni sika‐Davide, esibizwa nge‐Beteleheme, (ngenxa yokuba ebengowendlu nesizalwane sika‐Davide,) ukuya kuba̔lelwa kunye nomfazi wake oxanyiweyo, ekulelwe yena. Kwaye kute bakuba bebekona, zazaliseka imihla yokuba azale. Waza wazala unyana wake owamazibulo, wamsongela eziqiyeni, wamlalisa emkombeni wesitale; ngokuba bebengenandawo pakati entangeni. Kwaye kuko abalusi kwelona lizwe, behlala ezindle, belinda umhlambi wabo ngamavaṙasho obusuku. Yati bona ke, ingelosi YENKOSI yeza yema ngakubo, nobungcwalisa BENKOSI babakanyela ngokungqonga; baza boyika ngokwoyika okukulu. Yayisiti kubo ingelosi leyo: Ningoyiki; ngokuba, bona ke, ndinishumayeza indaba zovuyo olukulu, oluya kuba lolwabantu bonke. Ngokokuba nizalelwe namhla umsindisi, ongu‐Kristu INKOSI, esixekweni sika‐Davide. Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuni: Niya kufumana usana lusongiwe eziqiyeni, lulele emkombeni wesitale. Kwaza kwabako ngokwalama ndawonye nayo ingelosi into eninzi yomkosi wasezulwini, bedumisa UTIXO, besiti nokuti: Makubeko ubungcwalisa KUTIXO enyangweni yapezulu, noxolo emhlabeni, ufefe ebantwini! Kwaza kwati, xeshekweni zibe zimkile kubo ingelosi zaya ezulwini, bandula abalusi bati omnye kwomnye: Makesiye kambe kwa se‐Beteleheme, size siyibone lento ihlileyo, esazisiwe yona YINKOSI. Basuka beza ngokunxama, bafumana kwa no‐Mariya no‐Josefe, nosana lulele emkombeni wesitale. Bati ke bakubona, bavakalisa ilizwi elalitetwa kubo ngaye umntwana lo. Baza bonke abo bevayo bazitela nqa izinto ezazitetwa kubo ngabalusi. Kodwa u‐Mariya wazigcinela zonke ezizinto, wazilinganisa entliziyweni yake. Baza babuya abalusi, bebonga bedumisa UTIXO ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengokuba kube kutyelwe kubo. Kekaloku okuya ibizalisekile imihla esibozo yokuba umntwana aluswe, landula labizwa igama lake ngo‐Yesu, elibe libizwa njalo yingelosi engekakaulwa esizalweni. Kekaloku okuya ibizalisekile imihla yokuhlanjululwa kwabo, ngokwomteto ka‐Mosesi, bamnyusela e‐Yerusaleme, ukuba bammisele ENKOSINI; (njengokuba kuba̔liwe emtetweni WENKOSI ukuti: Konke okubudoda ekuzityulwa ngako kwobizwa ngokuba ngcwele KUYEHOVA;) nokuba banikele idini, njengoko kutshiwo emtetweni WENKOSI ukuti: Isibini samahobe, umhlaumbi amatole amabini amazuba. Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo UMOYA OYINGCWELE ebepezu kwake. Kwaye kutyilelwa yena NGUMOYA OYINGCWELE, ukuba akayi kubona kufa engekaboni u‐Kristu WENKOSI. Weza ke NGOMOYA etempileni: kekaloku nxa oyise babengenisa umntwana u‐Yesu, ukuba bamenzele ngesiko lomteto, wandula yena wamtabatela ezingalweni zake, wambonga UTIXO, wati: Kaloku uyasindulula isicaka sako, NKOSI! ngoxolo, njengokwelizwi lako: ngokuba amehlo am ebonile usindiso lwako, olo ululungisileyo ngasebusweni bezizwe zonke; ukanyiso lwokutyilela abaheyideni, nolwobungcwalisa babantu bako o‐Sirayeli. Babesiti nqa ke u‐Josefe nonina pezu kwezinto ezibe zitetwa ngaye. Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo; (ewe, nowako umpefumlo isiṙele sowuhlaba;) ukuze kube kutyilwa izicamango zentliziyo ezininzi. Kwabekuko kanjalo u‐Ana umprofitekazi, intombi ka‐Fanuweli, owesizwe sika‐Ashere: yena lo ebekolisile ukuba nobudala kakulu, obehleli nendoda iminyaka yasixe̔nxe itabata ebuntombini bake: wayengumhlolokazi weminyaka engati imashumi asibozo anesine, owahlala engemki etempileni, ekonza u‐Tixo ngokuzila ukutya nangokukunga ebusuku nasemini. Wati lo emi kufupi nje kwa ngeloxeshana wabulela ENKOSINI naye, wateta ngayo kubo bonke ababelinda inkululwa e‐Yerusaleme. Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto WENKOSI, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete. Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe LUKATIXO lwalupezu kwake.