ULUKA 18:1-8
ULUKA 18:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla; esithi Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu. Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndíkhulule kummangaleli wam. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu: noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule. Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
ULUKA 18:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi, wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’ Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ” Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa. Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda? Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”
ULUKA 18:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla; Esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu. Kwaye kukho umhlolokazi othile kuloo mzi, yeza kuye isithi, Ndikhulule kummangaleli wam. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu; noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule. Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
ULUKA 18:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wabeteta nomzekeliso kubo wokuti kufanele ukuba kutandazwe futi, kungadinwa, esiti: Kube kuko umgwebi otile esixekweni esitile, obengamoyiki UTIXO, obengamhloneli nomntu. Kube kuko nomhlolokazi kwesosixeko, owaman’ esiza kuye, esiti: Ndilungise elutshabeni lwam. Kwaza kwamzuzu engavumi; kodwa kamva wati pakati kwake: Nakuba UTIXO ndingamoyiki, nomntu ndingamhloneli, ndiya kuti noko, ngenxa yokuba endika taza umhlolokazi lo, ndimlungise, hleze ati ehlala esiza andiqekeze intloko. Yaza yati INKOSI: Yivani oko kutetwa ngumgwebi ongalungileyo. NOTIXO akayi kulungisa abaqashwa bake na, abakalela kuye emini nasebusuku, nangona enza kade pezu kwabo? Nditi kuni: Wobalungisa kamsinya. Kodwa noko, akuza unyana wesintu, wolufumana ke na ukolo emhlabeni?