ULUKA 14:28-30
ULUKA 14:28-30 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angàkhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon' ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.
ULUKA 14:28-30 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye, besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’
ULUKA 14:28-30 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye; besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.
ULUKA 14:28-30 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba nguwupina kuni, efuna ukwaka inqaba, ongati tanci ahlale pantsi, abale inani, ukuba unako na okwanele ukuyigqiba? hleze kekuti, akuba ebekile umsekelo wayo, ekohlwa kukufeza nje, bonke ababonelayo baqale ukumhleka, besiti: Lomntu waqala ukwaka, wakohlwa kukufeza ke.