ULUKA 10:27-29
ULUKA 10:27-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula ke wathi, Ùze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Ùphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?
ULUKA 10:27-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe. ’ ” UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.” Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”
ULUKA 10:27-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. Ke yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?
ULUKA 10:27-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wapendula wati: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako, nangayo yonke ingqondo yako; nommelwane wako njengokuzitanda kwako. Wayesiti kuye: Ulungisile ukupendula kwako; yenza oku, wauya kudla ubomi. Kodwa yena efuna ukuzigwebela wati ku‐Yesu: Ungubanina ke ummelwane wam?