UYOSHUWA 7:13
UYOSHUWA 7:13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
UYOSHUWA 7:13 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Phakama ke, ubahlambulule abantu. Yithi kubo mabazihlambulule ngenxa yokuya kwenzeka ngomso, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wamaSirayeli, ndithi kubo: ‘Phakathi kwenu kukho oko bekumelwe kukunikelwa kum ngokutshatyalaliswa. Anisoze nibe nakumelana notshaba de nahlukane nezo zinto.’
UYOSHUWA 7:13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zihlambululeni ngomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isiqalekiso phakathi kwakho, Sirayeli; Aniyi kuma phambi kweentshaba zenu nide nizisuse abaqalekisiweyo phakathi kwenu.
UYOSHUWA 7:13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Suka, ungcwalise abantu, uti: Zingcwaliseleni imini yangomso; ngokuba esitsho UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, ukuti: Kuko into elahlelwe ekutshatyalalisweni pakati kwako, Sirayeli! akungebe nako ukuma pambi kwentshaba zako, ningekakwelelisi lonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni kwa pakati kwenu.