UYOSHUWA 21:44
UYOSHUWA 21:44 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wawaphumza, njengoko wafungayo kooyise; Akwabakho namnye weentshaba zawo ume phezu kwawo; uYehova wazinikela esandleni sawo zonke iintshaba zawo.
UYOSHUWA 21:44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.
UYOSHUWA 21:44 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wezisa uxolo kulo lonke elo zwe uNdikhoyo, njengoko wabathembisayo ngesifungo ookhokho babo. Iintshaba zawo zonke zange zibe nakumelana nawo amaSirayeli kuba uNdikhoyo wayezinikela ezandleni zawo iintshaba zawo.
UYOSHUWA 21:44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye UYEHOVA kanjalo ebanikile ukupumla ngamacala onke, njengako konke abefungile ngako koyise babo: akwabiko namnye umntu kuzo zonke intshaba zabo obenokuma pambi kwabo; zonke intshaba zabo wazinikela UYEHOVA esandleni sabo.