UYOWELI 2:25-26
UYOWELI 2:25-26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu. Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade
UYOWELI 2:25-26 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi – nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi, loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo. Niya kutya nizibethe zibe bomvu, nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenu onenzele imimangaliso engaka. Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.
UYOWELI 2:25-26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndonibuyisela ke iminyaka eyadliwa ziinkumbi, neenkumbi, neenkumbi, neenkumbi, nomkhosi wam omkhulu, endiwuthumele phakathi kwenu. Niya kudla nize nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu onidale ngendlela emangalisayo; yaye abantu bam abayi kudana naphakade
UYOWELI 2:25-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwa njalo ndiya kunenzelelela iminyaka ebidliwa yinkumbi, nesiboto, noṙuxeshe, nomqikela, impi yam enkulu endayitumayo ngakuni. Naniya kutya ngokukolisa, nihlute, nilidumise igama LIKAYEHOVA, UTIXO wenu, onenzeleyo ngokungummangaliso: kanjalo abasayi kuba nokudana abantu bam napakade.