UYOBHI 8:5-7
UYOBHI 8:5-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ukuba ubufuna ngokutalo KUTIXO, wataṙuzisa kuye USOMANDLA; ukuba ubungongcwengekileyo nolungisayo; ngenyaniso kaloku ebeya kuvuka ngenxa yako, atamsanqelekise ikaya lokulunga kwako. Nakuba ukuqala kwako bekukuncinane, okwasemva kwako bekuya kuba kukulu kunene.
UYOBHI 8:5-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuba ùthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla; Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wóvuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho; Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
UYOBHI 8:5-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Into omawuyenze wena kukuzibika kuThixo, ubuse umbongoze uSomandla. Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa, ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho. Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili, kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.
UYOBHI 8:5-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuba uthe wamquqela uThixo ngexesha elililo, Nomthandazo wakho kuSomandla; Ukuba uhlambulukile, ulungile; inene, uya kuvuka ngenxa yakho, ayenze ibe nempumelelo indawo yokuhlala yobulungisa bakho. Nakuba isiqalo sakho besincinane, kodwa isiphelo sakho siya kukhula kakhulu.