UYOBHI 11:16-17
UYOBHI 11:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba wòkulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo; Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.
UYOBHI 11:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngako ke ungatsho uyilibale yonke le mbandezelo; ewe, ilibaleke njengeempuphuma zomlambo oseluwuthile. Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda. Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.
UYOBHI 11:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba uya kukulibala ukubandezeleka kwakho, ucinge njengamanzi adlulayo; Ukwaluphala kwakho kuya kukhanya ngaphezu kwemini; uya kukhanya, ube njengokusa.
UYOBHI 11:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ngokuba ubunzima uya kubulibala; kwoba njengamanzi adlulileyo ukubukumbula kwako. Ewe, ixesha lako liya kupuma linokukanya ngapezu kwemini enkulu; nakuba usongiwe ebumnyameni, uya kuba njengokusa.