UYOHANE 6:25-27
UYOHANE 6:25-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,• ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezo zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.
UYOHANE 6:25-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”
UYOHANE 6:25-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.
UYOHANE 6:25-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa? Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta. Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenzelani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo UYISE wamncamatiselayo, kwa UTIXO.