UYOHANE 6:11-12
UYOHANE 6:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wazithabatha ke izonka uYesu; wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, wathi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali.
UYOHANE 6:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.
UYOHANE 6:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.”
UYOHANE 6:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Yesu wazitabata izonka, wati akuba ebebulele wababela abadisipile, nabadisipile bababela abo babehleli pantsi; benje njalo nangentlanzi njengokutanda kwabo. Xeshekweni ke bebehluti, wati kubadisipile bake: Butani amaqezu aseleyo, ukuze kungalahleki nto.