UYOHANE 4:32-34
UYOHANE 4:32-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:32-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.” Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?” UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:32-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:32-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Koko wati kubo: Mna ndinokutya ndikudle, eningakwaziyo nina. Bebesiti ngoko abadisipile omnye kwomnye: Kuko omziseleyo into yokudla na? Wati u‐Yesu kubo: Ukutya kwam kokokuba ndiyenze intando yonditumileyo, nokuba ndiwufeze umsebenzi wake.