UYOHANE 16:5-33

UYOHANE 16:5-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Ùya phi na? Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu. Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, úya kwamkela kokukokwam, aze anibikele. Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo. Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo? Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo. Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone? Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo. Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini. Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo; kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo. Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha. Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo. Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku? Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.

UYOHANE 16:5-33 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na, kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto. Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa: isono esi kukuba bengakholwa kum; ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona; umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi. “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo. Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum. Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.” “Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.” Ke ngoko abanye kubafundi bathi omnye komnye: “Ngaba uthetha ukuthini xa athi kuthi kwakufutshanenje asisayi kuba sambona, kuthi kwakufutshane emva koko siphinde simbone, ekwathi kwayena uyemka esiya kuYise?” Babuzana ke besithi: “Ngaba uthetha ukuthini na xa athi ‘kwakufutshanenje’? Asiyiqondi into ayithethayo.” UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone? Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo. Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini. Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni. “Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika. Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.” “Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo. Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo. Kaloku uBawo ngokwakhe uyanithanda, kuba nithe nandithanda mna, nakholwa ukuba ndivela kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.” Baza bathi kuye abafundi bakhe: “Uyabona, ngoku uthetha ngokuphandle ungasantsonkothi ngezafobe. Ngoku ke siyaqonda ukuba wena uyazazi zonke izinto. Akusafuneki nganto ukuba ugocagocwe. Ke siyakholwa kukuba wena uvela kuThixo.” Wabaphendula uYesu wathi: “Niyakholwa na ngoku? Niyabona, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba nichithakale nonke, elowo agoduke, ndize ndisale ndedwa. Noko ke andindedwa, kuba uBawo unam. Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”

UYOHANE 16:5-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na? Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; uya kuthetha athe wakuva, anibikele izinto ezizayo. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Zonke ezo anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo. Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo. Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asinakuyazi into ayithethayo. Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone? Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo. Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini. Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. Ngaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Okwangoku anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngezafobe; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, mna ndiya kunicelela kuBawo; Kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo. Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha. Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo. Wawaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku? Niyabona, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; kodwa yomelelani; mna ndiloyisile ihlabathi.

UYOHANE 16:5-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kodwa kaloku ndiyemka ukuya kulowo wanditumayo; kanti akuko namnye kuni obuza kum ukuti: Uya pina? Koko ngokuba ezizinto ndizitetile kuni, usizi luzalisile intliziyo yenu. Noko ndiyanixelela inyaniso: Kulungele nina ukuba ndimke: ngokuba, xeshekweni ndingemki mna, umonwabisi engayi kuza kuni; kodwa xeshekweni ndiyayo, ndiya kumtuma kuni. Waeya kuti akufika yena eyise ilizwe ngaso isono, nangabo ubulungisa, nangako ukugwetywa: ngaso isono ke, ngokuba bengakolwa kum; nangabo ubulungisa, ngokuba ndimka ukuya KUBAWO, nize ningabi sandibona; nangako ukugwetywa, ngokuba inkosi yelilizwe igwetyiwe. Ndisenazo izinto ezininzi zokuteta kuni, koko ningezinyamezele ngoku. Kodwa okuya afikayo yena, kwa UMOYA wenyaniso, uya kunikapela kuyo yonke inyaniso: ngokuba engayi kuteta ngokwake; koko konke asukuba ekuva, uya kuteta kona; nezinto ezizayo uya kuzishumayela kuni. Oyena uya kundenzela ubungcwalisa; ngokuba eya kwamkela kokwam, akushumayele kuni. Zonke ezonto anazo UBAWO, zizezam: ngenxa yoku ndatsho ukuti, uya kwamkela kokwam, akushumayele kuni. Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; ngokuba ndimka ukuya KUBAWO. Bati ngoko inxenye kubadisipile bake omnye kwomnye: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; nokuti: Ngokuba ndimka ukuya KUBAWO? Babesiti ngoko: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane? asazi ukuba uteta nto nina. Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niya kulila nikale nina, kodwa ilizwe liya kuvuya; naniya kuba lusizi, koko usizi lwenu luya kwenziwa lube luvuyo. Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni. Nani ke kambe ninosizi kaloku; kodwa ndiya kunibona kanjako, yaiya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akuko namnye onihluta lona. Ngalomini ke aniyi kundibuza nto. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oko enisukuba nikucela KUBAWO egameni lam, uya kunipa kona. Kwada kwakaloku anicelanga nto egameni lam: celani, naniya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile. Ezizinto ndizitetile kuni ngemizekeliso; kodwa ixeshana liyeza, oko ndingayi kuba sateta kuni ngemizekeliso, koko ndiya kushumayela kuni kwa sekuhleni ngaye UBAWO. Ngalomini niya kucela egameni lam: anditsho ke kuni ukuti, ndiya kunitandazela UBAWO: ngokuba UBAWO ngokwake enitanda, kuba nitandile mna, nakolwa ukuba ndapuma KUTIXO. Ndapuma KUBAWO, ndize elizweni ke; kanjako, ndiyalishiya ilizwe, ndiye KUBAWO. Bati kuye abadisipile bake: Kangela, kaloku uyateta kwa sekuhleni, ungasateti ngomzekeliso ke. Kaloku siyazi ukuba uyazazi zonke izinto, ungasweli ukuba ubuzwe mntu kanjalo; ngako oku siyakolwa ukuba wapuma KUTIXO. Wati u‐Yesu ukubapendula: Niyakolwa kaloku nje na? Bona ke, ixeshana liyeza, ewe lifikile ngoku, lokuba niya kuci̔twa, nisiya nonke ngabanye emakayeni enu, niti mna nindishiye ndedwa: andindedwa noko, ngokuba UBAWO enam. Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Elizweni niya kuba nobunzima; kodwa yomelelani; ndiloyisile ilizwe mna.