UYOHANE 14:2-3
UYOHANE 14:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
UYOHANE 14:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo. Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma, nize nani nibe lapho ndikhoyo mna.
UYOHANE 14:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
UYOHANE 14:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Endlwini KABAWO kuko intlalo ezininzi: ukuba bekungenjalo, ngendinixelele. Ndiyemka ukuya kunilungisela indawo. Nokuba nditi ndimke ndiye ndinilungisele indawo, ndiyeza kanjako, ndandiya kunamkela kwa kum; ukuze niti, apo ndikona mna, nibe kwa kona nani.