UYOHANE 12:27-28
UYOHANE 12:27-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa. Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.
UYOHANE 12:27-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha. Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ” Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”
UYOHANE 12:27-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoku umphefumlo wam ukhathazekile; ndithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa; kungokunje ndizele leli lixa. Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.
UYOHANE 12:27-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana: Bawo! lenzele ubungcwalisa igama lako. Kwandula kwavela ilizwi ezulwini, lisiti: Sendilenzele ubungcwalisa, ndobuya ndilenzele ubungcwalisa kanjako.