UYOHANE 10:1-10
UYOHANE 10:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe. Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
UYOHANE 10:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.” UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
UYOHANE 10:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. Umgcini-sango uyamvulela lowo; nezimvu ziyaliva ilizwi lakhe, azibize ezakhe ngamagama, azikhokelele phandle. Athi akuzikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele, ngokuba ziyalazi izwi lakhe. Ke owasemzini aziyi kumlandela; ziya kusaba kuye; ngokuba azilazi ilizwi labasemzini. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. Bonke abafika ngaphambi kwam bangamasela nezihange, kodwa izimvu azibeva. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
UYOHANE 10:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Lowo ungangeniyo ngesango esibayeni sezimvu, koko ekwela ngayimbi indawo, oyena ulisela nebada. Kodwa lowo ungenayo ngesango, ungumalusi wezimvu. Lo umgcinisango uyamvulela; nelizwi lake izimvu ziyaliva: nezake izimvu uyazibiza ngegama ngegama, azikokele pandle. Naxeshekweni aziku̔payo ezake izimvu, uyahamba pambi kwazo; ziti izimvu zimlandele, ngokuba zilazi ilizwi lake. Kodwa owasemzini azisayi kumlandela, koko ziya kubaleka kuye; ngokuba zingalazi ilizwi labasemzini. Lomzekeliso u‐Yesu wawuteta kubo: kodwa bona abaqonda ukuba zibe zisiti nina ezozinto wabeziteta kubo. Wati ngoko u‐Yesu kubo kanjako: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Mna ndililo isango lezimvu. Bonke abo abezayo ndingekabiko mna, bangamasela namabada: koko izimvu zingabevanga. Mna ndililo isango: xeshekweni umntu angena ngam, uya kusindiswa; waeya kungena apume nokupuma, afumane nedlelo. Olisela uyeza ukuba ebe̔, abulale, atshabalalise, kupela: ndeza mna ukuba babe nobomi, nokuba babe nabo ngobuninzi.