UYEREMIYA 40:3-4
UYEREMIYA 40:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
uYehova wabufikisa, wenza njengoko wakuthethayo; ngokuba nonayo kuYehova, analiphulaphula izwi lakhe, yabakho ke le nto kuni. Kaloku ke yabona, ndiyayicombulula namhla imixokelelwane esezandleni zakho. Ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiza, ndolimisa iliso lam kuwe; ukuba kuthe kwakubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yeka ke. Uyabona, ilizwe lonke liphambi kwakho; ukuya apho kuthe kwalunga kwathi tye emehlweni akho, oko kokwakho, yiya khona.
UYEREMIYA 40:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula. Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”
UYEREMIYA 40:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza ke uYehova wakwenza njengoko wakuthethayo; ngokuba nonile kuYehova, analiphulaphula izwi lakhe; ngenxa yoko yaba le nto. Yabona, namhlanje ndiya kuyikhulula imixokelelwane ebisesandleni sakho; Ukuba kuthe kwalunga kuwe ukuya nam eBhabheli, yiza; ndoninyamekela kakuhle; ke ukuba kubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiyeke; uyabona, ihlabathi liphela liphambi kwakho; apho kuthe kwalunga emehlweni akho ukuba uye khona, yiya khona.
UYEREMIYA 40:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ewe, UYEHOVA ulizisile, wenzile njengokuba ebeteta: ngokokuba nonile ngakuye UYEHOVA, ningevanga ilizwi lake nje, kukona nihlelwe yilento. Nakaloku, bona ke, ndikukulule namhla emixokolelwaneni ebipezu kwezandla zako: ukuba kulungile emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yiza ke, ndandiya kubeka iliso lam pezu kwako; kodwa ukuba kubi emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yeka ke: kangela, ilizwe lonke lipambi kwako; indawo elungileyo nefaneleyo emehlweni ako ukuba uye kuyo, yiya kwa kona.