UYEREMIYA 29:14
UYEREMIYA 29:14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndofunyanwa phakathi kwenu, utsho uYehova; Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanichithangala kuzo, utsho uYehova; ndinibuyisele endaweni endanifudusela kuyo.
UYEREMIYA 29:14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova
UYEREMIYA 29:14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, ndithi ndofumaneka, ndize ke mna ndikuphelise kuni ukuthinjwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndoniqokelela phakathi kwezo ntlanga ndanichitha-chithela kuzo, ndinibuyisele kule ndawo apho ndanisusa khona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
UYEREMIYA 29:14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndandiya kufunyanwa nini, utsho UYEHOVA, ndibuyise ukutinjwa kwenu, ndinibute kuzo zonke izizwe, nakuzo zonke indawo, apo ndinigxotele kona, utsho UYEHOVA; ndandiya kunibuyisela endaweni, apo ndanenza ukuba nifuduswe kwa kona.