UYEREMIYA 28:15-16
UYEREMIYA 28:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethé elokukreqa kuYehova.
UYEREMIYA 28:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini. Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”
UYEREMIYA 28:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emva koko umprofeti uYeremiya wathi kuHananiya umprofeti: “Phulaphula, Hananiya! uYehova akalithumelanga; nisuka nilukholwe ngobuxoki olu hlanga. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukulahla emhlabeni; uya kufa kulo nyaka, ngokuba efundise ukugwilika kuYehova.
UYEREMIYA 28:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Jeremiya umprofite wati ku‐Hananiya umprofite: Yiva ke, Hananiya! UYEHOVA akakutumanga: kodwa wena uyatembisa ababantu ebuxokini. Ngako oko utsho UYEHOVA ukuti: Bona ke, ndiya kukundulula ebusweni bomhlaba, lomnyaka uya kufa, ngokuba utetile impambuko ngakuye UYEHOVA.