ABAGWEBI 13:5
ABAGWEBI 13:5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.
ABAGWEBI 13:5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”
ABAGWEBI 13:5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokuba uyabona, uya kumitha, azale unyana; ize ingabi nencakuba entlokweni yakhe; ngokuba unyana lowo uya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni yaye uya kuqalisa ukumhlangula uSirayeli esandleni samaFilisti.
ABAGWEBI 13:5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ngokuba, bona ke, uya kumita, uzale unyana; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri KATIXO kwa sesizalweni; waye yena eya kuqala ukusindisa o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya.