ABAGWEBI 11:30-31
ABAGWEBI 11:30-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba ùthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam, wóthi, osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.
ABAGWEBI 11:30-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon, into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”
ABAGWEBI 11:30-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYafete wafunga uYehova, wathi, Ukuba uthe wabanikela kwangoko oonyana baka-Amon esandleni sam, Yonk’ into ephuma emnyango wendlu yam, yondihlasela, ndide ndibuye ndixolile koonyana baka-Amon, ibe yekaYehova, ndiyithabathe ibe lidini elinyukayo.
ABAGWEBI 11:30-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye u‐Jefeta wabambisa ngesibambiso kuye UYEHOVA, wati: Ukuba uya kugqibela ukunikela usapo luka‐Hamoni esandleni sam; kuya kwandula ukuti, oko kusukuba kupuma elucangweni lwendlu yam ukuza kundikaulela, ndakubuya ngoxolo kulo usapo luka‐Hamoni, kwoba ko KUKAYEHOVA, ndandiya kukunikela kube lidini lokutshiswa.