EKAYAKOBI 5:16-18
EKAYAKOBI 5:16-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sínamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba inganí; ayaná emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo.
EKAYAKOBI 5:16-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso. Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha. Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.
EKAYAKOBI 5:16-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Vumani iziphoso omnye komnye, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Umthandazo welungisa unamandla kakhulu. uEliya wayengumntu oneemvakalelo ezibuhlungu njengathi, wathandaza enyamekile ukuba ingani; akwabakho mvula emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. Waphinda wathandaza, laza izulu lanika imvula, nomhlaba wavelisa iziqhamo zawo.
EKAYAKOBI 5:16-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Xelelanani iziposo zenu, nitandazelane, ukuze nipiliswe: sinamandla kakulu isikungo solungileyo ekusebenzeni kwaso, u‐Elija ebengumntu wemilo efana neyetu, wanyameka ukutandaza ukuba kungani mvula: kwaza akwana mvula emhlabeni lowo yaminyaka mitatu inenyanga zintandatu. Ubuye watandaza kanjalo, laza izulu lanika imvula, wati umhlaba wapumisa iziqa̔mo zawo.



