EKAYAKOBI 4:13-14
EKAYAKOBI 4:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka.
EKAYAKOBI 4:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.” Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.
EKAYAKOBI 4:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; Kaloku ningayazi nje into eya kwenzeka ngomso. Kuba buyintoni na ubomi bakho? Kungumphunga obonakala ixesha elifutshane, uze ke uthi shwaka.
EKAYAKOBI 4:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yizani kaloku nina nitshoyo ukuti: Soya namhla umhlaumbi ngomso esixekweni salapa, senze kona umnyaka ube mnye, sitengise, siqwebe inzuzo; ningakwazi nje kanti okwangomso: ngokuba bunjanina ubomi benu? bukwa yiyo inkungu ebonakalela ixeshana elincinane, ize yand’ ukuti shwaka