EKAYAKOBI 3:13-18
EKAYAKOBI 3:13-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke mang hara lona ya bohlale, ya nang le tsebo? a ke a bonahatse ka metsamao e metle mesebetsi ya hae ka bonolo ba bohlale. Empa ekare ha le ena le mohono o babang, le kgang ka dipelong tsa lona, le se ke la ithorisa, mme le se ke la bua leshano le hanyetsa nnete. Bohlale bona ha bo tswe hodimo, empa ke ba lefatshe, ba nama, ba bodiabolose. Hobane moo mona le dikomang di leng teng, ho na le moferefere le mesebetsi yohle e mebe. Empa bohlale bo tswang hodimo, pele bo hlwekile, hape bo na le kgotso, bo bonolo, bo bonolo, bo tletse mohau le ditholwana tse molemo, ha bo na leeme, ha bo na boikaketsi. Mme ditholwana tsa ho loka di jalwa kgotsong ho ba etsang kgotso.
EKAYAKOBI 3:13-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko. Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon. Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke. Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozamé kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso. Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.
EKAYAKOBI 3:13-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko. Kodwa ke ukuba ninomona nolunya nizicingela, sanukuzigwagwisa nigqume inyaniso ngobuxoki. Obu bulumko abuveli phezulu, koko bobehlabathi, bobeenkanuko, bobukaSathana. Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi. Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso. Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
EKAYAKOBI 3:13-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngubanina olumkileyo onokwazi pakati kwenu? makayibonakalise ngokumila okulungileyo imisebenzi yake ekululameni kwobulumko. Kodwa ukuba ninozondo oluṙaṙa nenkani entliziyweni yenu, ize ningaqa̔yisi ningaxoki ngakuyo inyaniso. Obu abububo ubulumko obuhlayo buvela pezulu, bubobasemhlabeni, bobobuntu, bobobudemoni. Ngokuba apo kukoyo uzondo nenkani, kuko kwa kona impitimpiti nazo zonke izenzo ezibi. Kodwa ubulumko obuvela pezulu buti ke ukuqala bucocekile, band’ ukuba luxolo, butambile, bucengeka kakuhle, buzele bububele nezixakato ezilungileyo, bungenakwahlula, bungenakuhanahanisa. Kekaloku isixakato sobulungisa siyahlwayelwa eluxolweni ngabo abalwenzayo uxolo.