EKAYAKOBI 3:1-18
EKAYAKOBI 3:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo. Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela. Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela. Yabona, nayo imikhombe, ímikhulu kangaka nje, íqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona. Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu. Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo. Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho ziné, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu; ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo. Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. Kwakuló mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje. Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na? Únako yini na, bazalwana bam, umkhiwane úkuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongávelisa amanzi amtyuba namnandi. Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko. Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon. Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke. Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozamé kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso. Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.
EKAYAKOBI 3:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye. Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo. Kaloku ihashe silifaka umkhala, ukuze lisilulamele, sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo. Okanye khanicinge ngenqanawa, inkulu injalo, noba ngade ityhalwe yimimoya emikhulu, kodwa ilawulwa ngentongana nje encinci, ize iye apho athanda ukuba iye khona umqhubi. Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu. Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo. Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni. Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo. Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu. Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo. Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto! Kaloku akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi namtyuba mthonjeni mnye. Mawethu, umkhiwane awukwazi kaloku ukuvelisa umnquma, nomdiliya awunako ukuvelisa amakhiwane. Ngokunjalo akukho mthombo unako ukuvelisa amanzi amtyuba namnandi. Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko. Kodwa ke ukuba ninomona nolunya nizicingela, sanukuzigwagwisa nigqume inyaniso ngobuxoki. Obu bulumko abuveli phezulu, koko bobehlabathi, bobeenkanuko, bobukaSathana. Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi. Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso. Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
EKAYAKOBI 3:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bana beso, le se ke la ba baruti ba bangata, le ntse le tseba hobane re tla fumana kahlolo e fetisang ka boholo. Hobane bohle re kgopisa bohle. Haeba leha e le mang a sa khoptjoe puong, eo ke monna ea phethahetseng, ea khonang ho laola le mele oohle ka tōmo. Bona, re kenya ditomo melomong ya dipere, hore di tle di re utlwe; mme re fetola mmele wa bona kaofela. Bonang, le dikepe, leha di le kgolo hakalo, mme di kgweetswa ke meya e bohale, di sokololwa ka kerama e nyenyane haholo, di ya moo mmusisi a ratang. Ka mokgwa o jwalo, leleme ke setho se senyenyane, mme le ithorisa ka tse kgolo. Bonang, mollo o monyenyane o hotetsa ntho e kgolo hakakang! Leleme ke mollo, ke lefatshe la bokgopo; mme e tjheswa ka mollo wa dihele. Hobane mefuta yohle ya diphoofolo, le ya dinonyana, le ya dinoha, le ya tse lewatleng, e a thapisoa, mme e se e thapisitswe ke batho. Empa leleme ha ho motho ya ka le thapisang; ke bobe bo sa laoleheng, bo tletse chefo e bolaeang. Ka lona re boka Modimo, Ntate; mme ka lona re rohaka batho, ba bopilweng ka setshwantsho sa Modimo. Molomong o le mong ho tswa poko le thohako. Bana beso, dintho tsena ha di a tshwanela ho ba jwalo. A sediba se ka kolla nqalong e le nngwe metsi a monate le a babang? Banabeso, na sefate sa feiye se ka beha ditholwana tsa mohlwaare na? kapa sefate sa morara, lifeiga? ka mokgwa o jwalo ha ho sediba se ka ntshang metsi a letswai le a monate. Ke mang hara lona ya bohlale, ya nang le tsebo? a ke a bonahatse ka metsamao e metle mesebetsi ya hae ka bonolo ba bohlale. Empa ekare ha le ena le mohono o babang, le kgang ka dipelong tsa lona, le se ke la ithorisa, mme le se ke la bua leshano le hanyetsa nnete. Bohlale bona ha bo tswe hodimo, empa ke ba lefatshe, ba nama, ba bodiabolose. Hobane moo mona le dikomang di leng teng, ho na le moferefere le mesebetsi yohle e mebe. Empa bohlale bo tswang hodimo, pele bo hlwekile, hape bo na le kgotso, bo bonolo, bo bonolo, bo tletse mohau le ditholwana tse molemo, ha bo na leeme, ha bo na boikaketsi. Mme ditholwana tsa ho loka di jalwa kgotsong ho ba etsang kgotso.
EKAYAKOBI 3:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NINGABI ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam! nisazi ukuba siya kuzuza ukugwetywa okukulu ngakumbi ke. Ngokuba siposisa kwa sonke ngendawo ezininzi. Ukuba kuko ongaposisiyo emazwini, yena lo ungumntu ofezekileyo, enamandla ukukalimela kwa wonke umzimba. Bona ke, imikala yamahashe siyayifaka emilonyeni yawo ukuba asive, siti wonke umzimba wawo siwusonge. Bona ke, nenqanawa, nangona zinkulu kangaka, ziqu̔tywa nokuqu̔tywa ngumoya onamandla, ziyasongwa ngumti wokukapa omncinane kakulu noko, apo kusukuba unxamelo lwomkokeli lunga zingaya kona. Kwa njalo nolwimi lulilungwana oluncinane, kanti luyateta izinto ezinkulu. Bona ke, umlilo omncinane ulipemba igoqo elikulu kangakanana lenkuni! Nalo lona ulwimi lungumlilo, lulilizwe lenkohlakalo: luhlala njalo ke ulwimi pakati kwamalungu etu, oludyobayo umzimba wonke, lutshisa injikelezo yemvelo, lutshiswa lona sisihogo somlilo. Ngokuba zonke intlobo zezilo, nezentaka, nezezinto ezinambuzelayo, nezezinto eziselwandle, ziyoyiswa, ewe zoyisiwe luluntu: kodwa lona ulwimi akuko namnye umntu ongalwoyisayo; lusisikohlakalo esingenakuqojoshwa, luzele bubuhlungu obufisayo. Ngalo lona siyambonga yena UTIXO noyise, nangalo lona siyaqalekisa abantu abenziweyo ngokufana NOTIXO. Kwa kuwo umlomo mnye kupuma ukubonga nokuqalekisa. Ezizinto, bazalwana bam! ngazingabi njalo. Umtombo uyampompoza na kwa kulo ituba linye amanzi amnandi naṙaṙa? Umkiwane, bazalwana bam! ungavelisa amanquma na, umhlaumbi umti weveyine amakiwane na? Kwa njalo ke akuko mtombo ongavelisayo amanzi atyuwa namnandi. Ngubanina olumkileyo onokwazi pakati kwenu? makayibonakalise ngokumila okulungileyo imisebenzi yake ekululameni kwobulumko. Kodwa ukuba ninozondo oluṙaṙa nenkani entliziyweni yenu, ize ningaqa̔yisi ningaxoki ngakuyo inyaniso. Obu abububo ubulumko obuhlayo buvela pezulu, bubobasemhlabeni, bobobuntu, bobobudemoni. Ngokuba apo kukoyo uzondo nenkani, kuko kwa kona impitimpiti nazo zonke izenzo ezibi. Kodwa ubulumko obuvela pezulu buti ke ukuqala bucocekile, band’ ukuba luxolo, butambile, bucengeka kakuhle, buzele bububele nezixakato ezilungileyo, bungenakwahlula, bungenakuhanahanisa. Kekaloku isixakato sobulungisa siyahlwayelwa eluxolweni ngabo abalwenzayo uxolo.